Frequently asked questions about essential services isiXhosa
Zezitheni iinkonzo ezibalulekileyo?
Ezi nkonzo zilandelayo zithathwa njengezona zibaluleke kakhulu yaye ziya kuqhuba zisebenza zona ngexesha lokumiswa ngxi kwezinto:
- Inkonzo zempilo (kuqukwa nenkonzo yezempilo ngokwasengqondweni), iinkonzo zaselebhu nezonyango, ndawonye neNational Institute ejongene neZifo eziSulelayo
- Iinkonzo zolawulo lwentlekele, inkonzo yokuthintela imililo, ukulwa imililo neenkonzo zikaxakeka
- Iinkonzo zemali ethi ifuneke ukukhawulelana nokusebenza kwenkqubo yebhanki nokwenziwa kweentlawulo, kuqukwa ne-JSE kunye nolwananiselwano/ tshintshiselwano lwemali , ndawonye neenkonzo ze-inshoresi nolawulo lweemedical scheme.
- Ukuveliswa nokuthengiswa kweempahla ezingundoqo
- Iivenkile ezithengisa igrosari, kuqukwa nezipaza shop
- Umbane ( kuqukwa nolawulo lweenkonzo efunekayo neziphambili ), amanzi, ukuveliswa kwegesi nefuweli, ukuhanjiswa nokulondolozwa kwazo.
- Imisebenzi ephambili yeenkonzo ezingunqondo zikarhulumente njengoko zimiselwe yiNtloko yeSizwe okanye ngamasebe ephondo zenziwa ngokuhambelana nesikhokelo seDPSA, kuqukwa nezo zisebenza ngeentlawulo zesocial grant
- iinkonzo ezijongene nokukhupha iziqinisekiso zokuzalwa nezokufa nokutshintshwa kweencwadi zeZazisi (ID documents)
- Iinkonzo eziphambili zakwamasipala
- Iinkonzo zononophelo nokunikwa kwabantu abadala isiqabu kwiingxaki zabo, abantu abanengxaki yesigulo ngokwasengqondweni, abantu abakhubazekileyo, abantu abagulayo nabantwana
- Ulawulo lwendalo yasendle, ukunqanda ukuzingela nokuloba ngokungekho mthethweni (anti-poaching) nokukhathalelwa kwezilwanyana kwaneenkonzo zevetenari
- Iinkonzo zamaphephandaba, usasazondaba neenkonzo zonxibelelwano
- Imveliso nokuthengiswa kwayo nayiphi na ikhemikhali, iimveliso zococeko (hygiene), ezinyangayo (pharmaceuticals) ezilungele icandelo lezonyango okanye elithengisa amayeza
- IiNkonzo zokucoca, ucoceko, ukuhanjiswa kwelindle, inkunkuma nokuthuntwa kwayo
- Iinkonzo ezithathwa njengeziphambili njengokusebenza kweenkundla zamatyala, amagosa asenkundleni yomthetho, iNtloko yeNkudla ePhakamileyo, iiSherifu nabasebenzi bezomthetho ngabo abaya kusebenza
- Iinkonzo eziphambili zakwaSARS ezo zichazwe nguMkomishinala wakwaSARS
- Inkonzo zakwamapolisa, abagcinixolo, amagosa endlela, abasebenzi bezempilo bomkhosi wokhuselo namajoni, abeenkonzo zoluleko nolawulo lwezithuthi
- Iinkonzo zeposi neze-courier eziphathelelene nokuthuthwa kweemveliso zamayeza
- Iinkonzo zabucala zokhuselo
- Iinkonzo zeAir-Traffic Navigation, iCivil Aviation Authority, ukuhanjiswa kwemithwalo ngeenqanawa neenkonzo zasedokisini
- Ulwembiwo migodi yegolide, ukucolwa kwayo, amalahle nezinye izimbiwa eziphambili
- Iindawo zokuhlala ezilungiselelwe abantu abasebenza ngeenkonzo eziphambili, ikhwarantini, ukususwa kwabantu abosulelekileyo babekwe bodwa kwanabo bajongene nokumiswa ngxi kwezinto
- Imveliso, ukuvelisa, ukusaplaya, ilojistikhi, uthutho, ukuhanjiswa kweempahla, ulondolozo oluphambili, ukulungiswa kwezinto ezihambisa iinkonzo ezingundoqo kuqukwa nezixhobo (iikhompenenti neekhwipmenti)
- Iinkonzo zothutho lwabantu abafuna iinkonzo eziphambili nokuthuthwa kweempahla nokuhanjiswa kwezigulane
- Iinkonzo ezenziwa luLawulo, aMalungu ePalamente, aMalungu eNdlu yoWisomthetho, aMalungu eeKhansile zoMmandla, iNkundla yomthetho nabanyangi besiNtu, abantu abasezikhundleni zemibutho yopolito yeSizwe neyePhondo abangabameli ePalamente
- Abakomishinala abajongene neKomishini yamaLungelo oLuntu yoMzantsi Afrika, uMkomishinala wezeSini, noMkomishinala wokuKhuthazwa nokuKhuselwa kwamaLungelo eNkcubeko, ezeNkolo nezoLwimi, kunye noMkhuseli woLuntu
- Uthutho nelojistikhi ngokuphathelele neempahla eziphambili ezithunyelwa kumazwe angaphandle
- Ii-Tow trucks nezithuthi zokutsala/zokurhuqa ezinye
- Ii-Call centre ekufuneka zibonelele ngeenkonzo yoncedo yezempilo, ukhuseleko, inkxaso karhulumente, neenkonzo zemali
- Ukuvuna nokugcinwa kokutya kubalulekile ukuthintela inkcitho yezilimo eziphambili kwezolimo
- Ukwenziwa kwe-payroll system kangangokuba akukhange kuchaphazeleke ngethuba lokumiswa ngxi kwezinto, ukuqinisekisa ukuba iintlawulo zabasebenzi zenzeka kwangethuba
- Iinkonzo zolondolozo ezingundoqo ezingenarhoxiswa isithuba esingangeentsuku ezingama-21 eziya kuba phambili naxa sekuqaliswa ukusetyenzwa ngokwesiqhelo lakuphela ixesha lokumiswa ngxi kwezinto
Zeziphi iimpahla ezibalulekileyo?
Iimpahla eziya kuveliswa zize zithengiswe ngexesha lokumiswa ngxi kwezinto zezi:
Ukutya
- Naziphi iimveliso zokutya, kuqukwa iziselo ezingena-alkhoholi
- Ukutya kwezilwanyana
- Iikhemikhali, imveliso eyongezelelweyo elungiselelwe ukuhanjiswa ezisetyenziswa xa kusenziwa nayiphi na imveliso yokutya
Iimveliso zokuCoca nezoCoceko (hygiene)
- Itoilt paper, iisanitary pads, isanitary tampons, iikhondom
- iHand sanitiser, izibulali zintsholongwane, isepha, ialkhoholi, iimveliso zokucoca indlu nezixhobo ozisebenzisa qho
- Iikhemikhali, imveliso ezongezelelweyo elungiselelwe ukuhanjiswa ezisetyenziswa xa kusenziwa nayiphi na imveliso yayo nayiphi into kwezi zingasentla
- Iimveliso zokuhlamba nokunonophela iintsana nabantwana
- Izinto zokuhlamba, kuqukwa ezasentloko, ezomzimba nezobuso nezobuso, nee-roll on, iidiyodorenti nentlama yamazinyo
Ezonyango
- Izinto zokunyanga nezesibhedlele, izixhobo zokuzikhusela
- Iikhemikhali, imveliso ezongezelelweyo elungiselelwe ukuhanjiswa ezisetyenziswa xa kusenziwa nayiphi na imveliso yayo nayiphi into kwezi zingasentla
IFuweli, kuqukwa amalahle negesi
Iimpahla ezingundoqo, kuqukwa i-aiirtime nombane